Funda isikhokelo sesicelo kwiphepha lesi-7 ngocoselelo, njengoko siqulethe iinkcukacha ezibalulekileyo, eziza kukunceda ekugcwaliseni ifomu yesicelo ngokuchanekileyo.
Gcwalisa ifomu yesicelo ekwelinye icala lephepha kwaye uqinisekise ukuba uwafakile onke amaxwebhu afanelekileyo nokuba utyikityile apho kufuneka ukuba ufake utyikityo lwakho khona.
Thumela ifomu kunye namaxwebhu ayikhaphayo kwi-GEMs nokuba kungeyiphi na indlela kwezi zilandelayo:
Kumaziko eengingqi onokuya ngeenyawo kuwo: Khangela kwisikhokelo sesicelo kwiphepha lesi-7
apho kukho ezinye iinkcukacha malunga noku.
Isicelo sakho siza kulibaziseka ukuba ngaba awuyiniki onke amaxwebhu afunekayo i-GEMS.
Ukuba ngaba isicelo asikwazanga ukuba singaqwalaselwa, i-GEMS iza kuqhagamshelana nawe kwiintsuku ezili-15 emva kokuba isifumene isicelo sakho.
NCEDA UNGASITHUMELI ESI SIKHOKELO XA UTHUMELA IFOMU YAKHO YESICELO EGCWALISIWEYO.
NCEDA UGCWALISE ONKE AMACANDELO AFANELEKILEYO NGOCOSELELO KWAYE UNIKE ZONKE IINKCUKACHA.
Qinisekisa ukuba usinika onke amaxwebhu ayimfuneko nalawo kufuneka ekhaphe isicelo. Thumela ifomu yesicelo egcwalisiweyo kwi-GEMs nokuba kungeyiphi na indlela kwezi zilandelayo:
Igama lokuqala (libhalwe ngokupheleleyo)Oonobumba bamagama Itayitile (Mnu., Nksk., Nksz., okanye enye)
okanye
Idilesi yeposi
Idilesi yendlu
Ikhowudi
Ikhowudi
I-imeyile Igama nefani Eloku-1 kwama-6
Nceda ubhekise kwiCandelo B lesikhokelo sesicelo, kwiphepha lesi-7, ukuze uqinisekise ukuba abo bantu unomnqweno wokubatyumba njengabantu abaxhomekeke kuwe bafanelekile ukuba bangatyunjwa kusini na.
Ifani Igama lokuqala elipheleleyo Isini Umhla wokuzalwa Inombolo yeSazisi okanye yencwadi yokundwendwela Ilizwe e(si) khutshwe kuyo Ubudlelwane
Nceda ukhethe ISIBONELELO ESINYE KUPHELA kuluhlu olungezantsi lweentlobo zezibonelelo uze uphawule ngo-x kwibhokisi efanelekileyo.
Nceda uchaze umhla owaqala ngawo kuMqeshi wakho osebenza kuye ngoku:
Nceda uchaze umhla ongathanda ukujoyina i-GEMS ngawo:
Abafaki-sicelo abaqeshiweyo: Nceda uchaze umvuzo wakho wenyanga ongekafakwa ezinye iimali. Ukuba ngaba ukwinqanaba lolawulo oluphakathi okanye oluphezulu, nceda uchaze umvuzo wakho wenyanga ongekatsalwa rhafu. (Faka iphetshana lomvuzo elineenkcukacha zomvuzo elilelona litsha okanye ileta yokuqeshwa kwakho ukuba ngaba ungumqeshwa omtsha.)
Abafaki-zicelo abadla umhlala-phantsi: Nceda uchaze umvuzo wakho wenyanga ongekafakwa ezinye iimali.
Umvuzo wenyanga: R
Ingaba ulilungu okanye ungumntu oxhomekeke kwilungu lengxowa-mali yonyango ebhalisiweyo?
Ukuba ngaba ulilungu/ungumntu oxhomekeke kwilungu, nceda uqhoboshele isiqinisekiso sobulungu sengxowa-mali yezonyango obukuyo ngaphambili engqina umhla wokugqibela wobulungu (amakhadi obulungu akonelanga). Kumele uqinisekise ukuba ubucimile ubulungu kwingxowa-mali yakho yangaphambili.
Igama lengxowa-mali yezonyango yangaphambili
Inombolo yelungu
Imirhumo yenyanga yabaqeshwa abasebenzayo iyatsalwa emivuzweni yabo apho kufanelekileyo.
Amalungu adla umhlala-phantsi, ncedani nikhethe indlela yentlawulo ibenye kwezi zikolu luhlu lungezantsi:
Ukuba ngaba ukhetha ukuhlawula ngekheshi, nceda usebenzise ezi nkcukacha zebhanki zilandelayo xa ufaka umrhumo wakho ebhankini:
Iinkcukacha zokubhankisha: Ziyafuneka ukuze kufakwe iimali ezihlawulwayo zelungu, nokuba kutsalwe iimali ekufuneka zihlawulwe lilungu kwiNgxowa-mali.
Igama lebhanki
Igama lesebe Inombolo yesebe
Njengoko sigunyazisiwe, mna kunye nalowo/abo baxhomekeke kum siyamgunyazisa apha ugqirha kunye no-/okanye umsebenzi wasesibhedlele endinonotshelwa kuso mna/ekunonotshelwa kuso abo baxhomekeke okanye umboneleli wenkonzo yezempilo okanye nawuphi na omnye umntu onolwazi ngempilo yam okanye eyabo baxhomekeke kum ukuba:
Banike i-GEMS kunye no-/umanejala wommeli wayo ohoye ibango, naziphi na iinkcukacha azifunayo lo manejala ukuze alawule ibango lam okanye elo lalowo/labo baxhomekeke kum;
Banike abalawuli bezempilo naziphi na iinkcukacha ezifunekayo zolawulo nezamanani, kungachazwa ukuba zezikabani na, kodwa oku kuxhomekeke ekubeni ziphathwe njengemfihlelo ngamaxesha onke ezi nkcukacha.
Kubalulekile ukuba kunikwe i-GEMS kunye na-/abameli bayo imvume yokuba ibonisane kunye no(o)gqirha, nesibhedlele okanye kunye nawuphi na umboneleli wezempilo ukuze kuqinisekiswe ukuba lifumana olona nonophelo lunoncedo ilungu.
Utyikityo lweLungu eliyiNtloko Umhla
Ndiyavuma ukuba:
E Iziqulatho zale fomu ziyinyani, zichanekile kwaye ziphelele. Ukuba ngaba kukho okuthe akwachazwa okanye iinkcukacha ezibalulekileyo ezingeyonyani, ndiyayiqonda into yokuba ubulungu bam bungacinywa nokuba kungafuneka ukuba ndibuyise imali yeNgxowa-mali, nayo nayiphi na imali ehlawuliweyo ngenxa yokuwasebenzisa ngokungafanelekanga amalungelo okanye izibonelelo zeNgxowa-mali, ebekungafanelekanga ukuba be ihlawulwe, kodwa ilungu lisenokubhena ngokweenkqubo zokubhena.
E Ndiyavuma ukuziqhelanisa nemigaqo yale Ngxowa-mali.
E Abo ndibatyumbileyo ukuba baxhamle kwiimali zam, ngaphandle kweqabane lam lasemtshatweni/kweqabane, baxhomekeke ngokupheleleyo okanye kancinci kum, abafumani mvuzo wonyaka ongaphezulu kwesixa sesibonelelo sepenshini karhulumente okanye abaqeshwanga sigxina ngomhla wokutyikitywa kwale fomu.
E Ndiyaqonda ukuba iinkcukacha zam kunye nezo zokugula kwam (ezifunyenwe kubanonopheli bezempilo ngemvume yam ecacileyo), ziza kugcinwa ziyimfihlelo.
E Ndiyayiqonda into yokuba impilo yam kunye naleyo yabantu abaxhomekeke kum kunye neenkcukacha zam okanye ezabantu abaxhomekeke kum eziyimfihlelo zisenokusetyenziswa kuphando, njengeenkcukacha zamanani, kulawulo lononophelo nasukuqulunqweni kweengxelo, nokuba nakuphi na ukutyeshelwa koku kusenokuba lulwaphulo lobumfihlelo.
E Ndiyaqonda ukuba xa i-GEMS ithe yanomnqweno wokusebenzisa iinkcukacha zam okanye ezabantu abaxhomekeke kum eziyimfihlelo, ngenye indlela ngaphandle kwezi zikhankanyiweyo kwesi sifungo, kufuneka ukuba i-GEMS ifumane enye imvume kum nakubantu abaxhomekeke kum.
E Ndiyaqonda ukuba iinkcukacha zam kunye neenkcukacha zempilo yam azizukusetyenziswa kwimicimbo yoshishino okanye yorhwebo.
E Ndiyayiqonda into yokuba i-GEMS ivumile ukuba abantu abathile bangaphakathi kuyo kunye namaqela angaphandle enezivumelwano nawo mabafikelele kwiinkcukacha zamalungu nakwezo ziphathelele kwimpilo yawo.
Kusaqhutyekwa ngasemva kwephepha Igama nefani Elesi-4 kwama-6
E Ndiyaqonda ukuba i-GEMS kunye namaqela angaphandle enezivumelwano nawo baza kusebenzisa iinkcukacha zonyango/zempilo/zokuxilongwa/zeenkqubo ezinekezelwe ukuba zisetyenziswe kwezi zinto zilandelayo - ukuqwalaselwa kwefomu yesicelo sobulungu, intlawulo yamabango, ukubalwa kwezibonelelo zamalungu kunye neenkqubo zolawulo lomngcipheko.
E Ndiyaqonda ukuba i-GEMS ingene kwizivumelwano zobumfihlelo nawo onke amaqela angaphandle asetyenziswayo afikelelayo kwiinkcukacha zabantu abonyulwe njengabanelungelo lokuxhamla kwiimali zam, ngenxa yokuba ihambisa kwaye ilawula iinkcukacha, ngenxa yolawulo okanye ngenxa yamalungelo ononophelo ewalawulayo.
E Ndiyayiqonda into yokuba bonke abasebenzi abangaphakathi kwi-GEMS kunye namaqela angaphandle asetyenziswayo abophelelekile ngenxa yezivumelwano zobumfihlelo zangaphakathi.
E Ndiyaqonda ukuba i-GEMS iza kuqinisekisa ukuba akhona amanyathelo awoneleyo okhuseleko lweenkcukacha.
E Ndiyaqonda ukuba xa kuthe kwadizwa iinkcukacha eziyimfihlelo, i-GEMS ithathela kuyo uxanduva loku kwaye oku kuza kuthatyathelwa amanyathelo afanelekileyo okukulawula oku, ngokweenkqubo zangaphakathi ze-GEMs.
E Ndiyathembisa ukuba ndiza kuyilandela imigaqo neenkqubo ze-GEMS, baza kwenza njalo nabo baxhomekeke kum.
E Apha ndigunyazisa i-GEMS ngokupheleleyo ukuba iphumeze ukuhlawulwa kwemirhumo yenyanga kwangoko emva komhla wokujoyina.
E andililo ilungu lenye iingxowa-mali yezonyango, ngokunjalo nabo baxhomekeke kum.
E Ndiza kuyazisa iNgxowa-mali ngazo naziphi iinguqu kwisimo sam sempilo okanye kweso sabantu abaxhomekeke kum, njengoko kumiselwe kwimigaqo yeNgxowa-mali, zingadlulanga iintsuku ezingama-30
zokuguquka kwesimo eso.
E Ndiza kuyazisa i-GEMS kwiiyure ezingama-48 ubuncinane phambi kokuba ndilaliselwe ukugula okungangxamisekanga esibhedlele. Ndiyavuma ukuba xa ndithe ndasilela ekukwenzeni oku, kumele ukuba ndihlawule inxalenye yemali yasesibhedlele ngokwam.
E Ndiyavuma ukuba iNgxowa-mali/abameli bayo baza kuhlawula amabango abawabona esemthethweni ngokwemigaqo yeNgxowa-mali.
E Imigaqo iza kusebenza ngalo lonke ixesha, kwaye ndiyayamkela into yokuba iileta, izigidimi zeendaba kunye neencwadana azithathi ndawo yemigaqo yeNgxowa-mali.
E Ndiyavuma ukuba zonke iincoko eziphakathi kwam neNgxowa-mali okanye amaqela ayo agunyazisiweyo ngezivumelwano zingarekhodwa.
Utyikityo lelungu eliyiNtloko Umhla
E Iinkcukacha zelungu nezonyango (ezifunyenwe kubaboneleli bezempilo ngemvume ecacileyo yelungu) ziza kugcinwa njengemfihlelo.
E Iinkcukacha zelungu (ezelungu buqu nezempilo yalo) azizukusetyenziselwa iinkqubo zoshishino zenkampani okanye zithengiswe kurhwebo.
E akhona amanyathelo okukhusela iinkcukacha.
E Iyabanika abantu abathile bangaphakathi kunye namaqela athile enezivumelwano nawo imvume yokufikelela kwiinkcukacha zamalungu engxowa-mali kunye nezempilo yawo.
E INgxowa-mali kunye namaqela enezivumelwano nawo aza kusebenzisa iinkcukacha zonyango/ empilo/zokuxilongwa/zeenkqubo ezinekezelwe ukuba zisetyenziswe kwezi zinto zilandelayo - ukuqwalaselwa kwefomu yesicelo sobulungu, intlawulo yamabango, ukubalwa kwezibonelelo zamalungu kunye neenkqubo zolawulo lomngcipheko.
E Bonke abasebenzi abangaphakathi kwiNgxowa-mali kunye namaqela angaphandle asetyenziswayo abophelelekile ngenxa yezivumelwano zobumfihlelo zangaphakathi.
E I-GEMS iqinisekile ukuba ingene kwizivumelwano zobumfihlelo nawo onke amaqela angaphandle ewasebenzisayo nafikelelayo kwiinkcukacha zabantu abonyulwe njengabanelungelo lokuxhamla kwiimali zelungu, ngenxa yokuba ehambisa kwaye elawula iinkcukacha, ngenxa yolawulo okanye ngenxa yamalungelo ononophelo ewalawulayo.
E Xa kuthe kwadizwa iinkcukacha eziyimfihlelo, iNgxowa-mali ithathela kuyo uxanduva lwako oku kwaye oku kuza kuthatyathelwa amanyathelo afanelekileyo okukulawula, ngokweenkqubo zangaphakathi zeNgxowa-mali.
Igama nefani Elesi-6 kwama-6
L1458 (XHOSA)
Uyacelwa ukuba ungasithumeli esi sikhokelo xa uthumela ifomu yakho yesicelo egcwalisiweyo.
Nceda uqinisekise ukuba la maxwebhu akhapha isicelo seLungu eliyiNtloko:
Ikopi yesazisi selungu eliyintloko.
Iphetshana lomvuzo elineenkcukacha ezizezona zintsha okanye ileta yokuqeshwa kwakho.
Iifomu u-M2 no-Z583, ukuba ngaba ungumntu odla umhlala-phantsi kwaye/okanye ungumqeshwa karhulumente.
Ileta yesiqinisekiso senkxaso-mali yeCandelo loLawulo-mali likaZwelonke, ukuba ngaba ikhona.
Isiqinisekiso sobulungu sengxowa-mali obulilungu layo ngaphambili, nesichaza umhla wokuphelelwa kobulungu.
Utyikityo lwakho apho kuyimfuneko (amaCandelo H, I no-J).
ICANDELO A: IINKCUKACHA ZELUNGUKunyanzelekile ukuba kugcwaliswe zonke iinkcukacha kwi-Candelo A, apho kufanelekileyo.
INombolo yakho ye-Persal iyafumaneka kwiphetshana elibonisa iinkcukacha zomvuzo wakho.Abadla umhlala-phantsi: Nceda unikeze inombolo yakho yoMhlala-phantsi ebhalwe kwimbalelwano yakho okanye kwiSiqinisekiso soMhlala-phantsi esiphuma kwiCandelo loLawulo-mali.
UMqeshi/umbutho
Nceda uchaze igama loMqeshi wakho okuqeshileyo ngoku kunye nekhowudi yombutho. Ikhowudi yakho yombutho iyafumaneka kwiphetshana elichaza iinkcukacha zomvuzo wakho, ukuba ngaba ungumqeshwa karhulumente.
ICANDELO B: IINKCUKACHA ZABO BAXHOMEKEKE KUWE
Nceda ugcwalise iinkcukacha zabantu abaxhomekeke kuwe kwiCandelo B le fomu yokufaka isicelo.
akukho bantu baxhomekeke kuwe banelungelo lokuba ngamalungu, ngaphandle kwabo badweliswe kule theyibhile ingezantsi. Kufuneka ukuba isicelo sikhatshwe ngala maxwebhu alandelayo ukuba ngaba iLungu eliyiNtloko linqwenela ukubhalisa abantu elibatyumbileyo ukuba baxhamle kwizibonelelo zalo, njengabantu abaxhomekeke kulo:
Iqabane lomtshato
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, okanye Qaphela: Ukuba ngaba ngumtshato wesiNtu umtshato wenu, kufuneka ubungqina obufungelweyo belungu, obungqina uxanduva lwalo kwiqabane lalo lomtshato.
INKCAZELO YOMNTU OXHOMEKEKILEYO AMAXWEBHU AFUNEKAYO
owayesakuba liqabane lomtshato
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kunye nekopi yoxanduva lwezomthetho lokubonelela ngenkxaso yezonyango ngokwesivumelwano soqhawulo-mtshato.
Iqabane
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kunye nobungqina obufungelweyo bokuxhomekeka kwilungu ngokwasemalini (ubungqina obufungelweyo kumele ukuba bugcwaliswe lilungu, liqabane kunye nengqina)
Umntwana (ozalwa lilungu buqu, owamkelwe lilungu njengowalo, ongoweqabane lelungu, okanye okhuliswe lilungu) onefani yelungu, oneminyaka engaphantsi kwama-21 ubudala
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo. Qaphela: Ukuba ngaba ifani yomntwana yohlukile kweyelungu, kufuneka ingxelo efungelweyo engqina uxanduva lwelungu emntwaneni nechaza isizathu sokuba kubekho lo mahluko (ubungqina obufungelweyo kumele ukuba bugcwaliswe lilungu)
Umntwana (ozalwa lilungu buqu, owamkelwe lilungu njengowalo, ongoweqabane lelungu, okanye okhuliswe lilungu) onefani yelungu, oneminyaka engaphezulu kwama-21 ubudala
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kwaye ukuba ngaba umntwana ungumfundi: ubungqina bokuba ubhalisele ukufunda isigxina kwiziko lemfundo-ephakamileyo elivunyiweyo kunyenengxelo efungelweyo eyenziwe lilungu engqina ukuxhomekeka-komntwana ngokwemali kulo
Ukuba ngaba umntwana ukhubazekile ngokwasengqondweni okanye emzimbeni: kufuneka ubungqina bokukhubazeka obuvela kugqirha (ingxelo -yokuhlolwa mayigcwaliswe nguGqirha) kunyenengxelo efungelweyo yelungu engqina ukuxhomekeka ngokwasemalini.-
ukuba ngaba umntwana akangomfundi okanye akakhubazekanga: ingxelo efungelweyo yelungu engqina ukuxhomekeka ngokwasemalini.-Qaphela: Ukuba ngaba ifani yomntwana yohlukile kweyelungu, kufuneka ingxelo efungelweyo engqina uxanduva lwelungu emntwaneni nechaza isizathu sokuba kubekho lo mahluko (ubungqina obufungelweyo kumele ukuba bugcwaliswe lilungu)
Umzali, umzali ngokomtshato, umakhulu/utatomkhulu, okanye umakhulu/utatomkhulu ngokomtshato
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kunye nengxelo efungelweyo yelungu engqina ukuxhomekeka ngokwasemalini kwabo batyunjwe njengabanokuxhamla kwiimali zelungu. Qaphela: umzali ngokomtshato umakhulu/utatomkhulu ngokomtshato, bangabhaliswa kuphela ukuba ngaba iqabane lasemtshatweni libhalisiwe nalo njengomntu onokuxhamla kwiimali zelungu.
Umzukulwana
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kunye nengxelo efungelweyo engqina ukuxhomekeka ngokwasemalini komzukulwana kwilungu. (ingxelo efungelweyo yelungu kumele ukuba igcwaliswe lilungu kunye nomzali ozele umntwana, apho kufanelekileyo)
Umntakwabo/udade welungu
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kunye nengxelo efungelweyo engqina ukuxhomekeka ngokwasemalini komntakwabo/kodade welungu kwilungu. (ingxelo efungelweyo kumele ukuba igcwaliswe lilungu)Qaphela: Ngumntakwabo/udade welungu eliyiNtloko kuphela onokubhaliswa njengomntu otyunjelwe ukuxhamla kwiimali zelungu.
Icandelo lomntu oxhomekekileyo eligcwalisiweyo kwifomu yesicelo, kunye nengxelo efungelweyo engqina ukuxhomekeka ngokwasemalini kwabatshana kwilungu. (ingxelo efungelweyo kumele ukuba igcwaliswe lilungu kunye nomntakwabo/udade welungu, apho kufanelekileyo).Qaphela: Ngabantwana bomntakwabo/bodade welungu eliyiNtloko kuphela abanokubhaliswa njengabantu abatyunjelwe ukuxhamla kwiimali zelungu.
E Kuhlalwulwa amazinga abantu abadala abaxhomekeke kwilungu kubo bonke abantu abaxhomekeke kwilungu abaneminyaka engaphezu kwama-21, ngaphandle kwabantu abxhomekekileyo abakhubazekileyo (kuhlawulwa amazinga abantwana);
kwabantwana abangabafundi (kuhlawulwa amazinga abantwana bade babe neminyaka engama-27);
Iingxelo ezifungelweyo
E Ukuba ngaba kufuneka ungenise ingxelo efungelweyo kumele ukuba uye kwisikhululo samapolisa esikufutshane kuwe okanye uye nakomphi na umntu ogunyazisiweyo ukuba abe ngumkhomishinala ofungisayo ukuze aqinisekise ukuba iinkcukacha ozinika i-GEMs ziyinyani kwaye zichanekile.
Ingxelo kagqirha
E Thatha ifomu "yengxelo yohlolo lukagqirha (yokukhubazeka)" uyise kugqirha ofanelekileyo uze umcele ukuba ayigcwalise. Imali yokubona ugqirha iza kuhlawulwa ngesibonelelo sokutyelela kwagqirga (GP consultation benefit) samalungu abhalisiweyo. Amalungu angabhaliswanga wona kufuneka ukuba azihlawulelwe ngokwawo indleko yolu tyelelo lakwagqirha.
ICANDELO C: UKUKHETHA ISIBONELELO
E Nceda ukhethe ngocoselelo, njengoko ungazukukwazi ukukutshintsha oko ukukhethileyo enyakeni, ngaphandle kokuba ufumane imvume yeBhodi yabaLawuli.
E Izibonelelo zakho zokugula ungalaliswanga esibhedlele kunye nezinye ezihlanganisiweyo ziza kubalwa ukususela kumhla wokujoyina kwakho ukuba ngaba loo mhla awusinguwo umhla woku-1 kuJanuwari. Oku kuthetha ukuba izibonelelo zakho ziza kubalwa zilungelelane nexesha lobulungu bakho elishiyekileyo kuloo nyaka, ukususela kumhla wakho wokujoyina.
E Uza kuba nako ukusitshintsha isibonelelo osikhethileyo ekupheleni konyaka ngamnye, siqalise ukusebenza ngomhla wokuqala wonyaka olandelayo.
ICANDELO D: UMHLA WOKUJOYINA
Kufuneka uwubhale umhla onqwenela ukujoyina i-GEMS ngawo kwiCandelo D lefomu yesicelo.
Nceda uqaphele oku kulandelayo:
E Umhla wokwamkelwa kwakho umele ukuba ube ngumhla wokuqala enyangeni.
E apho kunokwenzeka, qinisekisa ukuba umhla wokwamkelwa kwakho kwi-GEMs uwulandela ngqo umhla wokuphuma kwakho kwingxowa-mali obukuyo ngaphambili, njengoko ukuba ngaba kuye kwakho ixesha phakathi kobulungu bakho kule Ngxowa-mali intsha naleyo indala, oku kunganegalelo elingelihlanga kwinkxaso-mali yoMqeshi wakho.
E Ukuba ngaba akubhalwanga mhla, umhla wokubhaliswa kwakho uza kuthathwa njengosuku lokuqala lwenyanga elandelayo, ukuze kungadaleki ukuba ube semva ngemirhumo.
E Ukuba ngaba umhla wokujoyina owukhethileyo ubangela ukuba ube semva ngemirhumo, le mirhumo iza kutsalwa emvuzweni wakho okanye kwi-akhawunti yakho yebhanki (apho kufanelekileyo).
E Kubaqeshwa abatsha, umhla wakho wokubhalisa awukwazi ukuba ube ngaphambili kunalowo wokuqeshwa kwakho.
ICANDELO E: UDIDI LWEMIVUZO
Abafaki-zicelo abadla umhlala-phantsi: Ncedani nigcwalise ifomu u-M2 no-Z583 engqina inkxaso-mali yeSebe leCandelo loLawulo-mali. Ukuba ngaba unayo ikopi yeleta yeCandelo loLawulo-mali likaZwelonke, nceda uyiqhoboshele kwifomu yesicelo, njengoko iza kunceda ukuba ihambe lula inkqubo yokubhalisa.
Abafaki-zicelo abaqeshiweyo: Ncedani nichaze umvuzo wenu wenyanga ongekafakwa zibonelelo. Ukuba ngaba ukwinqanaba lolawulo oluphakathi okanye lwabalawuli abaphezulu, nceda uchaze iphakeji yakho ekungekatsalwa rhafu kuyo. (Nceda ufake iphetshana elibonisa umvuzo wakho elilelona litsha okanye ileta yokuqeshwa kwakho ukuba ngaba unguMqeshwa omtsha.)
ICANDELO F: UBULUNGU BENGXOWA-MALI YEZONYANGO YANGAPHAMBILI
Nceda uqhoboshele isiqinisekiso sobulungu esibonisa umhla wokuphelelwa kobulungu kwingxowa-mali yezonyango yakho yangaphambili.
Ncedani niqaphele oku kulandelayo:
E Umthetho umisela ukuba awuvumelekanga wena okanye abo baxhomekeke kuwe ukuba babhaliswe kwiingxowa-mali zezonyango ezimbini ngaxeshanye.
Okufuneka ukwenze ukuba ngaba ubulilungu lenye ingxowa-mali yezonyango ngaphambi kokuba ujoyine i-GEMS:
E Nceda uqhagamshelane nengxowa-mali yakho yezonyango yangaphambili uze ubacele ukuba bakunike isiqinisekiso sobulungu esibonisa umhla wokuphelelwa kobulungu, njengobungqina bobulungu bakho.
E Nceda uqaphele into yokuba, ukuba ngaba isiqinisekiso sakho sobulungu asiwuchazi umhla wokuphelelwa kobulungu bakho, asizukukwazi ukusisebenzisa. Ungalibali ukugcwalisa nokuthumela ileta yokuyeka kwakho ebonisa ukuphelelwa kobulungu bakho kwingxowa-mali yezonyango yangaphambili, ukuba ngaba awukakwenzi oku.
E Ukuba ngaba awukwazi ukusifumana esi siqinisekiso sobulungu, siza kuyamkela ileta echaza ukuphelelwa kobulungu bakho njengobungqina bokurhoxa kwakho kuyo, ukuba ngaba le leta ibhalwe kwiphepha elineenkcukacha ezisemthethweni zeNgxowa-mali.
E Ukuba ngaba ufumanisa ingxaki ekuyekiseni ukutsalwa kwemirhumo yakho emvuzweni wakho yingxowa-mali yezonyango yakho yangaphambili, nceda ucele iCandelo lezabaSebenzi ukuba likurhoxise ngokwalo, okanye ukuba awukwenzi oku, i-GEMS ayizukukwazi ukutsala imali yomrhumo wakho emvuzweni wakho.
Nceda uqinisekise ukuba uyawafunda ngocoselelo la macandelo phambi kokuba utyikitye kwifomu yakho yesicelo.
Ncedani niqaphele: Ifomu yakho yesicelo azikuqwalaselwa ukuba ngaba awuyityikityanga.
I-GEMS ibonelela ngezibonelelo zamayeza ezifo ezondeleyo kuwo onke amalungu. Ukuze ube nelungelo lokusebenzisa amayeza ezifo ezondeleyo, kumele ukuba ubhalise kwinkqubo yamayeza ezifo ezingapheliyo, emva kokuba ufumene imbalelwano ekwazisayo ukuba ulilungu elibhalisweyo le-GEMs.
E Amayeza ezifo ezibeka ubomi emngciphekweni, ezifana nesifo seswekile (diabetes);E amayeza asetyenziswa okoko ukunyanga izigulo ezondeleyo nezikhubazayo awuchaphazelayo kakhulu umsebenzi kunye nomgangatho wempilo yomntu; kunyeE Namayeza abiza kakhulu exeshana, aza kuthintela olunye unyango olubiza kakhulu, olufana nokulaliswa esibhedlele.
Iqela lezonyango liza kuthi liziphonononge iinkcukacha zakho, kwaye ukuba ikhona imfuneko liza kuqhagamshelana nogqirha wakho (ngomnxeba okanye limbhalele) ukuze likhethe awona mayeza afanelekileyo kunye na-/okanye awona angabizi kakhulu. Uza kuthunyelelwa i-SMS ngokuqhubekayo malunga nesicelo sakho (ukufunyanwa nokwamkelwa kwaso). Ukuqwalaselwa kwesicelo sakho kuza kuthatha malunga neentsuku ezisixhenxe.
Nceda ukhumbule oku kulandelayo xa ufaka isicelo samayeza ezigulo ezondeleyo:
E Kufuneka kugcwaliswe ifomu eyahlukileyo ngelungu ngalinye losapho elidinga amayeza ezigulo ezondeleyo.E Gcina ikopi yefomu yakho egcwalisiweyo ukuze ube nayo kwiirekhodi zakho.E Qhoboshela uthotho lohlolo olwenziweyo oluxhasa isicelo/uphando olukhethekileyo oluqhutyiweyo kunye neengxelo ezithethelelayo (xa kufuneka oku) ukuze kuthintelwe ukulibaziseka kokuqwalaselwa kwesicelo sakho.
sakube samkelwe isicelo sakho, uza kufumana ileta yogunyaziso edwelisa uluhlu lwamayeza aza kuhlawulelwa sisiBonelelo sakho samaYeza eZifo eZondleleyo. Le leta iza kuchaza ukuba ngawaphi amayeza akuluhlu oluvunyiweyo lwamaxabiso amayeza (Medicine Price List - MPL) kunye nalawo mayeza aza kuba nenxalenye yemali ehlawulwa lilungu. ayafumaneka amanye amayeza anokusetyenziswa, angazukuba nanxalenye yemali ihlawulelwa lilungu. Nceda uxoxe nogqirha wakho okukhuphela umyalelo wamayeza malunga namanye amayeza anokusetyenziswa, ukuba ngaba ufuna ukuphepha ukuhlawula inxalenye yexabiso lala mayeza. Ukuba ngaba amayeza agunyazisiweyo ohlukile kumayeza ebeceliwe, kuza kufakwa ileta ekucacisayo oku ikhaphe ileta yakho yogunyaziso, ze kuthunyelwe ikopi kugqirha obekukhuphele incwadana yomyalelo wamayeza.
Ukuba ngaba isicelo sakho asivunywanga, uza kuthunyelelwa ileta ze kuthunyelwe ikopi nakugqirha wakho obekukhuphele umyalelo wamayeza. Ukuba ngaba kufuneka ezinye iinkcukacha zonyango, isicelo sakho siza kuphinda siqwalaselwe zakube zifunyenwe zonke iinkcukacha kugqirha wakho. Ugqirha wakho angatsalela umnxeba kwa-0860 100 608 xa efuna uncedo.
Izicelo zokutshintsha kwesimo
Ukuthunyelwa kwamayeza
Wakube uyigcwalisile ifomu yakho yesicelo, ungayithumelela ubhaliso ngenye yezi ndlela zilandelayo:
Emva kokuba iqwalaselwe ifomu yakho yesicelo, uza kufumana i-SMS eqinisekisayo ukuba sifunyenwe isicelo sakho. Uza kuchazelwa ngokufanelekileyo ukuba kufuneka amanye amaxwebhu ukuze kugqityezelwe ukubhaliswa kwesicelo sakho.
Emva kokuba luqukunjelwe ubhaliso lwefomu yakho yesicelo, kuza kuthunyelwa iphakeji yelungu enamakhadi obulungu kunye nesikhokelo esineenkcukacha ezibanzi ngobulungu, kwidilesi yakho yeposi.
